Isishwankathelo seEngcebiso ezenzelwe umZantsi Afrika ezivela kwiKomiti yeZizwe eziManyeneyo yaMalungelo eZoqoqosho, eZentlalo neNkcubeko

UMnqophiso waMazwe ngaMazwe waMalungelo eZoqoqosho, eZentlalo kunye neNkcubeko (uMnqophiso) sisivumelwano samalungelo abantu samazwe ngamazwe sombutho waMazwe aManyeneyo (i-UN). Samkelwa ngomhla we-10 kuDisemba 1966 saza saqalisa ukusebenza ngomhla wesi-3 kuJanyuwari 1976. Lo Mnqophiso ukhusela intlaninge yamalungelo ezoqoqosho, ezentlalo nenkcubeko (amalungelo ezentlalo nawoqoqosho). Uhlangene noMnqophiso waMazwe ngaMazwe waMalungelo eZoluntu neZopolitiko (International Covenant on Civil and Political Rights - ICCPR), nowamkelwa ngaxeshanye, lo Mnqophiso usisiseko somthetho wamalungelo abantu wamazwe ngamazwe kwaye watyikitywa ngamazwe ali-169 ehlabathini liphela. Onke amazwe aseAfika, ngaphandle kweBotswana, iMozambique neSouth Sudan, atyikitya kwaye ke ngoko abophelelekile kulo Mnqophiso. UMzantsi Afrika wawutyikitya lo Mnqophiso ngomhla we-12 kuJanyuwari 2015.
© Dullah Omar Institute | Privacy Policy | Terms & Conditions | DOI Constitution
CMS Website by Juizi